av Mzi Mahola
460,-
INGCACISOLe mibongo ibhalwe apha iguqulelwe yasiwa esiXhoseni.Ithatyathwe kwezi ncwadi; Strange Things; When Rains Come;Dancing With Hyenas; The Last Chapter, kwakunye neminyeengekapapashwa. Yonke ibhalwe yaguqulwa nguMzi Mahola.Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni, kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi, "Uvela phi ezinzulwini zobusuku?" Kwisithandwa sam. "Ngoku?" Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi, "Ethwel' ubhaka emqolo Okwenyosi ivela kuhlangula." Yiva kwakhon' intsingisel' efihlakeleyo xa esithi, "Iinkowan' ezinetyhefu zintshula phantsi kwamabunga." Uthi akuntyuntya ngeentaba zebhukazana angabi nako ukuzikhwebula kwiinkumbulo zobuntwana. Uzoba ubume beentaba, izilwanyana, ubomi nobuntwana ade azive umfundi engene tshwa kwawakhe amava amandulo. Kukwanjalo xa abona ukuvuthuluka kwezakhiwo zexabiso kwisikolo awayefunda kuso. Ude athi kumthandazo wakhe, "Bawo sixolele, sasingazi ukuba sityala intshabalalo." Ungathabatheka xa umva esithi, "Ibali elityhafileyo liyabuna emlonyeni wegangxa." Unyanisile kuba kwimibongo yakhe umfundi akasayi kozela alale. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kwengeza kuncwadi olukhoyo lwesiXhosa, yaye iza kuvuselela ubhalo nofundo lolwimi lwethu. NguMbulelo NzoINTSHAYELELOUMzi Mahola uzenzele igama ngokuthi abe ngomnye wababhalibaseMzantsi Afrika abaziwayo ehlabathini. Le ncwadi ayibizangegama elithi, "Ezingaqhelekanga," lilinge elingaqhelekangalokubona umbhali eguqulela umsebenzi wakhe kolunye ulwimiukuze ube licham nakwisizwe sakowabo esilwimi lusisiXhosa. Phantse iminyaka yaba ngamashumi amane uMzikayise Mahola,obhala phantsi kwegama elinguMzi, ebhala imibongo ngolwimilwesiNgesi. Incwadi yakhe yokuqala yemibongo ethiywe ngegamaelithi, "Strange Things" yonyulwa ukuba ibe yenye yezo zayakumela uMzantsi Afrika kumboniso weencwadi zehlabathieGeneva ngowe-1995. Enye incwadi yakhe esihloko sithi, "WhenRains Come" yaphumelela iwonga elibizwa ngo-Olive Schreinerngowama-2000 ukuya kowama-2001. Waphinda wabhalaenye, nayo eyemibongo ethi, "Dancing in the Rain," kwazakwalandela ethi, "Last Chapter." Eminye yemibongo kaMaholayaye yaguqulelwa kwiilwimi ezintandathu (6) ezizezi: IsiJamani,isiTurkey, iSpanish, Norwegian, Danish kwanesiMalayalam saseIndiya. Eminye imibongo imana ifakwa liSebe lezeMfundo ukubaifundwe ngabafundi besiGaba se-11